Kwelo Rhawuti uye athandane nomfana waseQonce ophangela kwalapho esixekweni ogama linguSolam. Njengokuba uAsemahle engumntu othuleyo nje, uSolam yena ngumfana ondwebileyo, futhi othandwayo ngabantu.
Emva kweenyanga kumnandi eluthandweni, ubudlelwane babo buye bube namagingxigingxi ngenxa yemfihlo endala kaAsemahle enobuzaza kangangokuba ingabuqhawula buthi saa ubudlelwane.
Eli hlebo nakubeni lingekadizwa liye lasichaphazela isimo sobudlelwane ngokuba liye labangela ukuba bangakwazi ukubonana kangangoko bethanda. Uzamile ukuzathuza evela namaqhinga uAsemahle kodwa engamkholi uSolam.
Kaloku naye umfana lo wayelixhoba lokubhanxwa yintombi awayehambisana nayo ngaphambili, wade wafunga wenza isibhambathiso sokuba ayisayi kuze iphinde yenzeke kuye loo nto. Kungoko engazange abe nawo umonde, wada wazimisela ukuba uza kumchila uAsemahle ambhebhethe okomshologu.
UAsemahle wayenqwenela ukuzityanda igila kuSolam malunga nalo mbandela, kodwa ubunzulu nobunzima bawo baye baba ngumqobo endleleni yakhe, kangangokuba baye bade abathethisana ixesha elide, nakubeni uthando lwabo lwalusavutha amadangatya.
Ekugqibeleni uAsemahle uye abone ukuba akasokuze awuqabele lo mnqantsa kude kube kanti ulidizile eli hlebo. Ingaba indlela lo mfana ayijonga ngayo le ntokazi iza kutshintsha na xa ethe wayazi ukusuka nokuhlala?
Dieser Download kann aus rechtlichen Gründen nur mit Rechnungsadresse in A, B, CY, CZ, D, DK, EW, E, FIN, F, GR, H, IRL, I, LT, L, LR, M, NL, PL, P, R, S, SLO, SK ausgeliefert werden.