9,99 €
9,99 €
inkl. MwSt.
Sofort per Download lieferbar
payback
0 °P sammeln
9,99 €
9,99 €
inkl. MwSt.
Sofort per Download lieferbar

Alle Infos zum eBook verschenken
payback
0 °P sammeln
Als Download kaufen
9,99 €
inkl. MwSt.
Sofort per Download lieferbar
payback
0 °P sammeln
Jetzt verschenken
9,99 €
inkl. MwSt.
Sofort per Download lieferbar

Alle Infos zum eBook verschenken
payback
0 °P sammeln
  • Format: ePub

Ihlwempu lasemaMpingeni liziva liphoxekile xa lingafumani ncedo nankathalo kwisityebi somfundisi ekuthiwa nguPhakamile.
UMpinga nowakwakhe, uMaFaku, ngabakhonzi abaphambili ecaweni kaPhakamile. UMaFaku uye ahlaselwe sisifo somhlaza webele kufuneke ukuba aye esibhedlele ukuze atyandwe kukhutshwe umhlaza lowo. Kodwa imali efunekayo esibhedlele ukuze kwenziwe olo tyando ingaphaya kwamandla kaMpinga nowakwakhe. Umkakhe egulela ukufa, uMpinga uye athi chu aye kucela uncedo lwaloo mali ifunekayo kweso sityebi somfundisi singuPhakamile. Kodwa uPhakamile uye athembise ngomthandazo kuphela…mehr

  • Geräte: eReader
  • mit Kopierschutz
  • eBook Hilfe
  • Größe: 0.23MB
  • FamilySharing(5)
Produktbeschreibung
Ihlwempu lasemaMpingeni liziva liphoxekile xa lingafumani ncedo nankathalo kwisityebi somfundisi ekuthiwa nguPhakamile.

UMpinga nowakwakhe, uMaFaku, ngabakhonzi abaphambili ecaweni kaPhakamile. UMaFaku uye ahlaselwe sisifo somhlaza webele kufuneke ukuba aye esibhedlele ukuze atyandwe kukhutshwe umhlaza lowo. Kodwa imali efunekayo esibhedlele ukuze kwenziwe olo tyando ingaphaya kwamandla kaMpinga nowakwakhe. Umkakhe egulela ukufa, uMpinga uye athi chu aye kucela uncedo lwaloo mali ifunekayo kweso sityebi somfundisi singuPhakamile. Kodwa uPhakamile uye athembise ngomthandazo kuphela angakhuphi nesenti emdaka.

Emva kokuba ephoxakele kwaPhakamile, uMpinga uye azincame enze into awayengazimiselanga ukuba angaze ayenze ebomini bakhe. Uye athi chu aye kucela uncedo kwisityebi sexhego esidume ngesinyeliso sobuhedeni nokuthwala. Elo xhego nguGawusha. UMpinga uye amkelwe ngobubele nobuntu obumangalisayo kuloo mzi kaGawusha. Ngaphaya koko uye ayifumane loo mali ifunekayo ukuze atyandwe uMaFaku.

Emva kokuba utyando lukaMaFaku lube yimpumelelo, uMaFaku noMpinga baye benze isibhambathiso sokuba abayi kuze baphinde balubeke ecaweni kaPhakamile. Ngaphaya koko uMpinga uye abize imbizo kuloo lali yakwaMaguda atsho achazele bonke abantu isizathu sokuba bangabonakali ecaweni. Abantu baye bathi bakuva isizathu sabo nabo babaxhase bathi abayi kuphinda balubeke kuloo cawa.

NgeCawa elandela uMgqibelo wembizo uPhakamile nowakwakhe baye bafike ecaweni kukhal' ibhungane. NgoMvulo iye ipatyalake ibhobhile!


Dieser Download kann aus rechtlichen Gründen nur mit Rechnungsadresse in A, B, CY, CZ, D, DK, EW, E, FIN, F, GR, H, IRL, I, LT, L, LR, M, NL, PL, P, R, S, SLO, SK ausgeliefert werden.

Autorenporträt
NdinguThembelihle Sokapase. Ndazalwa ngomhla we17 kweyoMnga, 1990. Ndihlala eRhawutini ngoku kodwa ndizalelwe ndakhulela eMpuma Koloni kwiidolophu ezimbini: eGcuwa apho ndenze khona amabanga aphantsi, naseBhofolo apho ndenze khona amabanga aphakamileyo. Emva koko ndiye ndafumana imfundo enomsila kwiziko-mfundo iWalter Sisulu Univerity eMonti, apho ndifumene khona isidanga kwizifundo zeInformation Technology (IT). EMonti kukwalapho ndiqale khona ukubhala amabali amafutshane ndibhala ngesiNgesi kuphela ngezo ntsuku. Kodwa namhlanje ndizibhala zonke iindidi zoluncwadi (imidlalo, iinoveli, izincoko, amabali amafutshane, nemibongo) ngesiXhosa.